Intshayelelo
Kuyimbeko enkulu kum ukunikezela kuluntu lwaseMzantsi Afrika i-White Paper ehlaziyiweyo ngezemidlalo nolonwabo. Le White Paper imele ukuqinisekiswa kwendlela ezeMidlalo noLonwabo ezinganegalelo ngayo kwintlalontle jikelele yabantu boMzantsi Afrika. Yiyona ndlela iphucukileyo yokubandakanya ulutsha kwizinto ezinentsingiselo nezinegalelo ekwakhiweni kweendawo zasekuhlaleni.
Kwiminyaka emihlanu engaphambili, umgaqo-nkqubo wokuqala ngezemidlalo kunye nolonwabo wapapashwa kuhlelo lokuqala le-White Paper apho imiceli-mngeni, imigaqo-nkqubo kunye namanyathelo aphambili acaciswa ngokuphuhlileyo. Kuninzi osele kwenziwe ukuhlangabezana nalo miceli-mngeni, namanyathelo aphambili, kodwa ngenxa yokunqaba kwexesha kunye nobuqili isende indlela eseza kuhanjwa. Ngokusekelwe kwinkqubo, amanyathelo aphambili namacebo aqulathe konke kaRhulumente kaZwelonke, ukulandelelwaniswa kwamanyathelo aphambili e-Sport and Recreation SA aye ahlengahlengiswa kwaye aguqulwa. Ezi nguqulo zenzelwe ukunyusa isantya sokunikezelwa kweenkonzo.
Ukunika isiphumo kuMgaqo-nkqubo onatyisiweyo kaRhulumente wobomi obungcono kubantu bonke kunye nokwenza ukuba isizwe sidlale, ukusekwa kweSouth African Sports Commission kulinyathelo elakhayo ukuqinisekisa ukuba ezemidlalo zifikelela kwindawo zonke zelizwe lethu. Ukwabiwelwa kwiingqokelela yobutyebi yokunika isiQabu kwiNtlupheko, ukwaKhiwa kwamaZiko oLuntu, iNtlangano yezeMisebenzi kunye nenzuzo esuka kwinkqubo yokungcakaza kazwelonke ukuze kuphuhliswe amaziko emidlalo kunye nawokonwaba kwindawo ezihlelelekileyo kuyindlela eyiyo yokwenza ukuba ezemidlalo zifikeleleke kwisininzi sabemi beli lizwe.
a Ukunyusa inqanaba lentatho-nxaxheba kwezemidlalo kunye nolonwabo.
b Ukunyusa imbonakalo yezemidlalo xa kujongenwe namanyathelo aphambili angquzulanayo.
c Ukwandisa amathuba empumelelo kumacandelo okhuphiswano aphambili.
La manyathelo aphambili ngokommo wawo anenguqu kwaye lo mqulu uphendula lonke uxanduva ekujongwene nalo, lo gama ubeka imisebenzi yethu phakathi kwimo yomgaqo-nkqubo kaRhulumente.
Nikonwabele ukufunda
Umphathiswa;Ezemidlalo nolonwabo
INGABULA ZIGCAWU
Ukufezekiswa kwale njongo kufuneka kuthathele ingqalelo ezi zinto zilandelayo:
Ukungalingani phakathi kwabo banako ikakhulu iindawo zasezidolophini, kunye neendawo ezihlelelekileyo ikakhulu iindawo zasemaphandleni.
Ukuba kutsha nokuthelekiswa kombono wecebo kunye nomgaqo-nkqubo wokuphuhliswa kwezemidlalo kunye nolonwabo.
Imfuneko yokuba uMzantsi Afrika uthabathe indawo yawo elilungelo kwihlabathi lezemidlalo.
Ukulindeleka kokokuba i-SRSA ilungiselele iimfuno zabemi bebonke, ngohlahlo-lwabiwo zimali olufanayo nolo lwalulungiselelwe nje i-20% yabemi kwinkqubo yangaphambili.
Umgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika ngokuphathelelene nezemidlalo nolonwabo kufuneka uphuhliswe kule meko.
Nangona indlela esizivelela ngazo ezemidlalo nolonwabo kufuneka isekelwe phantsi kwento ezixatyisiweyo nenkolelo- inzululwazi ngezelizwe, ubudlelwane, imbali kunye nemafa, umgaqo-nkqubo wethu wemidlalo nolonwabo kufuneka ibe nokuphendula kwifuthe lehlabathi.
UKUCACISWA KWEZEMIDLALO KUNYE NOLONWABO
Iinzame eziliqela zenziwe ukucacisa imidlalo nolonwabo ngendlela engqalileyo. Kambe akukho kufikelela kwisivumelwano kulo mba. Ngenjongo zale-White Paper, le ngcaciso ilandelayo iyakwanela.
IMIDLALO ingacacisa njengomsebenzi ofuna inqanaba elibonakalayo lokuthatha inxaxheba komzimba kwaye apho abathathi nxaxheba bazibandakanya kwimeko equlunqiweyo okanye engaqulunqwanga, ngenjongo zokwazisa ophumeleleyo, nangona kungekho kukuphela kwako okanye kuphela ukuziphumza, ukwanela komntu, impilo yomzimba, ukukhula komoya womntu kunye nokuphuhla.
UKUZONWABISA kukhokhelwa yindlela yokuthatha inxaxheba ngokuzithandela kuwo nawuphi umsebenzi onegalelo ekuphuculeni kwempilo, isimo esihle kunye nezakhono zabo bobabini umntu nentlalo.
Kuphawuleka ngokuqinisekileyo ukuba kunokungazi jikelele kweli lizwe malunga nendima edlalwa yimidlalo nolonwabo. Iqela leentloko zoRhulumente eleNza umSebenzi le-Commonwealth e-Harare laphawula ngolu hlobo lulandelayo malunga nomfutho wemidlalo kwintlalo: " Kulilixa ukuba indima ephambili edlalwa zezemidlalo kwinkqubo yokwakhiwa kwesizwe ivunywe ngokupheleleyo. Imidlalo lutyalo-mali. Okokuqala lulutyalo-mali kwezempilo, ukudlamka kunye nemveliso yoluntu lwakho. Okwesibini kulutyalo-mali kwikamva. Iziphumo ngokwasentlalweni ziquka ikuphucuka kwenqanaba lempilo iyonke kunye nomzimba, ingqondo kunye nokuma kokuziphatha kwabemi. Ngaphaya koko abadlali abane- mpumelelo bayimizekelo yendima kulutsha lwelizwe njengabaphumeleleyo, oonozakuzaku abangekhoyo abangatyunjwanga ngokwasemthethweni, kwaye njengabantu abazinikezele kukulingana kunye nokwanelisayo kukhuphiswano. Ngenxa yokubonakala ezemidlalo zingadlala indima enkulu ukubuyisana kukungalingani kwesini kunye nokucalucalulwa kwabalimeleyo kunye nabo bangamaqela amancinane."
Kodwa, mhlawumbi okona kubalulekileyo ngaphezu kwako konke yindima yemidlalo ukukhuthaza umanyano lwesizwe.
Imiphumela yezemidlalo kunye nolonwabo idlulela ngaphaya kwentatho-nxaxheba kuphela. Ivakala nakwezinye iinkalo ezininzi zobomi ezinjengeMpilo; iMfundo, ezoQoqosho; ukuziphatha okungahambisani netlalo yoluntu, ukwakhiwa kweSizwe kunye noNxibelelwano lwaMazwe nagaMazwe. Udweliso olungezantsi apha lubonakalisa unxibelelwano phakathi kwezemidlalo kunye nolonwabo xa zithelekiswa namanye amacandelo:
EZEMIDLALO KUNYE NOLONWABO
EZEMPILO
IMPEMBELELO
i Izigulo ezininzi ezinje ngoxinzelelo lwegazi oluphezulu zinokuba zixhomekeke ekunyangweni kunye / okanye kwimisebenzi yomzimba emayilawulwe.
i Kumazwe asakhulayo kukholeleka okokuba ngeRandi nganye esetyenzisiweyo kwezemidlalo kunye nolonwabo, i-akhawunti yezempilo iyehla ngeerandi ezilikhulu.
EZEMFUNDO
i Okufundwayo kubonisa okokuba ezemidlalo zinika umntwana ubuchule bobomi ngendlela ethile engogqithwayo nguwo nawuphi na umsebenzi.
ii Kukwakho nobungqina obubonisa okokuba imfundo yezemvelo ikhokelela kwizenzo zesikolo eziphuculiweyo.
EZOQOQOSHO
i Ngeempembelelo eziqinisekisiweyo kwezempilo, imisebenzi yezomzimba ineziphumo ezamkelekileyo kumanqanaba emveliso.
ULWAPHULO MTHETHO
i Ukuchasana nentetho ethi usathana uzifumanela umsebenzi izandla ezinqenayo kukuba umntwana okwezemidlalo ngumntwana ongekho sentolongweni.
ii Isenzo sokubi sinxulunyaniswa nokuzixabisa okuphantsi, kwaye impumelelo kwezemidlalo kunye nolonwabo yenza ukuphucula ukuzixabisa.
UKWAKHA ISIZWE
i Abantu abayimizekelo kwezemidlalo baphakathi kwabo bangabenzi bengcamango eziphambili kumazwe amaninzi.
ii Impumelelo eninzi kwezemidlalo enje ngebhola yombhoxo, ibhola ekhatywayo kunye nomdlalo wamanqindi ikhokelele ekuncipheni kwemizekelo yomonakalo wobuhlanga kweli lizwe.
UNXULUMANO LWEZIZWE
i Impumelelo kwezemidlalo iza nokunakanwa, nakumazwe amancinane.
ii Amazwe ehlabathi lilonke andisa ukuqhutwa kwenkqubo yabo yamazwe ngamazwe ngendlela edlula kwintsebenziswano yezemidlalo nolonwabo.
Ngokunakanwa kwefuthe elityhutyhayo lezemidlalo kunye nolonwabo kwinkangeleko yonke yommandla, ubuPhathiswa, iMidlalo noLonwabo eMzantsi Afrika kunye neKomishini yeMidlalo yoMzantsi Afrika yavumalana kula manyathelo okuqala asi-8 alandelayo, enza isiseko se-White Paper.
INYATHELO ELIPHAMBILI LOKUQALA
Ukungqinisisa imisebenzi kunye nokufezekisa iimfanelo zabo banomdla kwinto eqhubekayo abahlukahlukeneyo kwezemidlalo kunye nolonwabo ukuqinisekisa okokuba ukulungelelana kunye noqoqosho kuya phunyezwa.
Urhulumente wezemidlalo kunye nolonwabo eMzantsi afrika unokucaciswa ngokwale oganogram ingezantsi.
Isigqeba sombuso
Ipalamente izikhundla zekomiti kwezemidlalo kunye nolonwabo ikomiti enyuliweyo
UMANYANO LWAMAPHONDO IBHUNGA LEZEMIDLALO LAMAPHONDO I-NGO (ZAMAPHONDO) ILUNGU LEBHUNGA LESEBE LOMBUSO ELILAWULAYO (I-MEC) AMABHUNGA OLONWABO AMAPHONDO
URHULUMENTE WEZEMIDLALO KUNYE NOLONWABO:
Ipalamente, ingakumbi ngoMphathiswa kunye neKomiti eyonyuliweyo ikakhulu inoxanduva lokuchaza inkqubo karhulumente, umthetho kunye nolwabiwo loqingqo mali lwezemidlalo nolonwabo.
Lwandiso lwemigangatho yokuthatha inxaxheba kwezemidlalo nolonwabo.
Ukunyusa izinga lezemidlalo kumanyathelo aphambili angqubanayo.
Ukwandisa kangangoko ukuba nethemba lokwenzeka kwempumelelo kwizehlo eziphambili zamazwe.
Ukubeka ezemidlalo ngaphambili kwiinzame zokuxoxa ngemiba ebalulekileyo kazwelonke.
b Kwizinga lamaphondo, iLungu leBhunga loMbuso I-MEC kunye neSebe lamaPhondo lezeMidlalo kunye noLonwabo anoxanduva loku:
Velisa ezeMidlalo kwinkqubo yemeko kazwelonke yezemidlalo kunye nolonwabo.
Velisa inkqubo kwimeko yenkqubo kazwelonke yezemidlalo kunye nolonwabo, amagosa aphambili angamaphondo alumanyano kunye no
Hlawulwa kwala magosa angasentla.
Nyuswa koncedo olwenziwe ngabagunyazisi bale ndawo, oko kusenzelwa izigigaba zikazwelonke kunye namaphondo.
Abagunyazisi beendawo ezingqongileyo banolu xanduva lulandelayo:
Ukuvelisa inkqubo kuloo ndawo ingqongileyo ithile.
Ukuphunyezwa kwenkqubo yezemidlalo kunye nolonwabo.
Ukuhlawulwa kwamagosa aphambili angala, imibutho, kunye nabantu.
Ukwenziwa koncedo ukuze lusetyenziselwe iindawo ezithile kunye namaphondo.
IMISEBENZI ENOKUQHUTYWA YABADLALI ABAPHAMBILI ABATHATHA INXAXHEBA
Urhulumente ubonelela ngomanyano lokunikwa kwezemidlalo"
a Lawula iivoti zezemidlalo kunye nolonwabo kurhulumente kazwelonke.
b Ukuxhasa I-Ofisi yoMphathiswa wezeMidlalo kunye noLonwabo.
c Ukunika inkxaso ngokombono karhulumente kubo bonke abo banomdla kwinto eqhubekayo kwezemidlalo kunye nolonwabo.
d Ukulungelelanisa kunye nokuncedisa ekuyileni wonke umthetho wezemidlalo kunye nolonwabo.
e Ukutolika inkqubo karhulumente ebanzi kunye nokuyiguqula uyenze iinkqubo zezemidlalo kunye nolonwabo zoMzantsi Afrika, uqwalasele kwakhona ezo nkqubo xa kuyimfuneko, uze ujonge ukuphunyezwa kwezo nkqubo.
f Ukulungelelanisa inkqubo yezemidlalo kunye nolonwabo neenkqubo zamanye amasebe karhulumente ngomoya woyilo kunye nonikelo olungamxhelo mnye.
g Ukunikwa kwengcebiso yezomthetho ngombono karhulumente kubo bonke abo banomdla kwinto eqhubekayo kwezemidlalo kunye nolonwabo.
i Ukulawula ulwalamano loburhulumente oko kukuthi ulalwamano oluphakathi kwamasebe karhulumente eMzantsi Afrika ngokuthe tyaba kunye nangokuthe nkqo kananjalo nakoorhulumente baphesheya besebenzisana noMzantsi Afrika kwezemidlalo kunye nolonwabo.
j Ukuvuma iminikelo engaqhelekanga yabadlali kumabandla oMzantsi Afrika egameni loMongameli ngenxa yoMvuzo wezeMidlalo yoMongameli mbuso unyaka nonyaka.
k Ukufumanela ezemidlalo kunye nolonwabo ubutyebi baphesheya ngophuhliso olululo lukaZwelonke leNdawo ekugcinwa kuyo imali.
l Ukunxibelelana ngezinto ezizalanayo zemidlalo kunye nolonwabo ngombono karhulumente.
m Ukuphendula kunye nokulungelelanisa iimpendulo kwimibuzo yasePalamente kwizinto zemidlalo kunye nolonwabo.
n Ukwenza ubuchule, ukulungelelanisa kunye nokujonga ukwenziwa kunye nokunyuswa kwamaziko akhoyo wezemidlalo kunye nolonwabo ngokuphuhlisa inkqubo yezemidlalo kunye nolonwabo.
IKOMITI ENEZIKHUNDLA YEZEMIDLALO KUNYE NOLONWABO KUNYE NEKOMITI EYONYULAYO KWEZEMFUNDO KUNYE NOLONWABO
Luxanduva lweKomiti enezikhundla kunye neKomiti eyonyulayo kwezemfundo kunye nolonwabo ukuqhubela phambili ukwenziwa kwezemidlalo kunye nolonwabo, ngokomgangatho wezopolitiko epalamente ngokuzama uku:
a Jonga uburhulumente bezemidlalo kunye nolonwabo ngokwenkqubo karhulumente kazwelonke.
b Qhubela phambili ukwenziwa kwezemidlalo kunye nolonwabo epalamente.
c Xoxa kwaye unike icebo ngomthetho oncedayo.
d Ukucebisa ngeentsingiselo zezizwe kwimiba yezemidlalo kunye nolonwabo.
Ulwakhiwo lwezephondo lubusondela ngenyathelo elinye kuhambiso lwezemidlalo kunye nolonwabo kunelungu lalo elihamba nelinye likazwelonke. Lunceda u:
a Kwenza imidlalo kunye nolonwabo ibe nokufikeleleka kubo bonke abantu kwiphondo.
Unikela ngamaziko akhoyo afunekayo kwimidlalo kunye nolonwabo kunye nogcino lwawo.
b Kuqinisekisa ubukho beenkqubo ezivelisa ukubanokubakho kobutyebi boluntu kwezemidlalo kunye nolonwabo.
c Kuvelisa ubume benkqubo yokulawula ezemidlalo kunye nolonwabo kumaphondo oko kungamxhelo mnye nenkqubo kazwelonke yezemidlalo kunye nolonwabo.
d Kulungelelanisa ukuchaphazeleka kwamasebe ahlukahlukeneyo karhulumente wamaphondo ukuqinisekisa ukuvumelana nenkqubo yamaphondo yezemidlalo kunye nolonwabo.
e Kuphumeza izivumelwano zezizwe njengoko kufikelelwa kuzo zezeMidlalo kunye noLonwabo zoMzantsi Afrika, ngenjongo zokwabelana ngobugcisa, nokutshintshelwa kobuchule komnye kunye nokukhuliswa kwezemidlalo kunye nolonwabo.
IZIPHATHA MANDLA ZENDAWO EZINGGQONGILEYO
Iziphatha mandla zale ndawo zinoqhakamshelwano oluthe ngqo namanxuwa okunikela ngezemidlalo kunye nolonwabo. Imisebenzi yabo ephambili ku:
a Kuvelisa ubume benkqubo yokulawula ezemidlalo kunye nolonwabo kumaphondo oko kungamxhelo mnye nenkqubo kazwelonke kunye namaphondo yezemidlalo kunye nolonwabo.
b Kwenza imidlalo kunye nolonwabo ibe nokufikeleleka kubo bonke abantu abakwindawo ezingqongileyo.
c Kwenza amaziko akhoyo afunekayo ukuze anike ezemidlalo kunye nezolonwabo. Njengoko kunikiwe okokuba umbutho yinto esisiseko sezemidlalo kunye nolonwabo, abagunyazisi bendawo ezingqongileyo bayinto edibanisayo ebalulekileyo kwityathanga lexabiso.
d Kuvelisa ubume benkqubo yokulawula ezemidlalo kunye nolonwabo kumaphondo oko kungamxhelo mnye nenkqubo kazwelonke yezemidlalo kunye nolonwabo e Kuphumeza izivumelwano zezizwe ngamxhelo mnye namaSebe amaPhondo anoxanduva lwezeMidlalo noLonwabo njengoko kufikelelwa kuzo zezeMidlalo kunye noLonwabo zoMzantsi Afrika I-SARS, ngenjongo zokwabelana ngobugcisa, nokutshintshelwa kobuchule komnye kunye nokukhuliswa kwezemidlalo kunye nolonwabo.
IKHOMISHINI YOMZANTSI AFRIKA YEZEMIDLALO
Ngexesha I-SARS inoxanduva oluqulethe konke lokwenza lula kunye nokujonga intshukumo yabathatha inxaxheba ekuveliseni ezemidlalo, inendima ethile yokuhlanganisa abo bangathathi nxaxheba ngokwenkqubo zolonwabo. Njengangoku I-SARS idlala indima ebalulekileyo.
Ulawulo, unyuselo kunye nolungelelaniso lwezemidlalo kunye nolonwabo yiKhomishini yoMzantsi Afrika a Ukukhulisa kunye nokuphumeza uyilo lwezemidlalo lukazwelonke kunye nokuqinisekisa uncedo olufikelelekayo, ukhuphiswano kunye nokubakhona kwamaziko emibutho kwaye alawulwe ngobuchule.
Ukuchonga kunye nokuthelekisa uncedo, iimfuno zombutho kunye nokhuphiswano lwamaziko akhoyo kunye nokuvelisa uyilo olulungiselelweyo.
Ukukhulisa kunye nokunika izixhobo kunye nengqeqesho ukuqinisekisa okokuba uncedo, imibutho kunye nolwakhiwo lokhuphiswano lwenziwa kwaye lulawulwa ngobuchule.
b Ukuphucula ubulunga bezigigaba zemidlalo bezizwe ngezizwe ezisingathwe nguMzantsi Afrika.
Ukukhulisa kunye nokuqinisekisa ukuphunyezwa kokubiza ixabiso kunye nokusingathwa kwezigigaba zezizwe ngezizwe.
Ukuncedisa umanyo lwamazwe kunye nemibutho ezinikwe imvume zokusingatha izigigaba zamazwe ngamazwe.
c Ukuqinisekisa ubukho bendlela yangaphakathi yokusombulula imbambano kuyo yonke imibutho yentlanganisela kazwelonke phambi kokuba ingenelele ukulamla ngokwayo kunye nongenelelo olungenziwa nguMphathiswa mva.
Ukwalathwa kwezakhono kunye nokuxhaswa kwemidlalo a Ukwalatha abadlali abanesakhono ukuqinisekisa okokuba amaqela oMzantsi Afrika amelwe ngokupheleleyo.
Ukumiselwa kweendlela zomsebenzi, ukuchongwa kwezixhobo kunye noyilo lwesakhono.
Ukuchonga abadlali abanesakhono uze ubabeke kwiinkqubo zokukhula ezikhawulezayo.
b Ukunika indlela kwinkxaso yobunzululwazi, uqeqesho, iinkonzo ezikhulisiweyo zobuchule bobomi, ufundise kwaye uqinisekise ngenkxaso yezentlalo yemeko bume ukuze wandise inani leembasa kunye nemidlalo yovavanyo ephunyelelwa nguMzantsi Afrika.
Ukumisela ulwahlulelwano kunye nothungelwano kunye nabo banomdla kwinto eqhubekayo abanxulumene noko ukuba balathe isakhono baze banike inkxaso yobunzululwazi, ingqeqesho, uqheliso, ukukhuliswa kobuchule bobomi kunye nenkxaso yezentlalo.
Ukumisela kunye nokunika icebo kwizikolo zemfundo ephakamileyo zezemidlalo ukuba banikele ngeenkonzo.
Ukuqinisekisa ubukho bobutyebi
Ukunika ubutyebi bolwazi, izimali kunye nolungiselelo lwenkxaso ukuphuhlisa abadlali.
Ukwalatha imidlalo efuna amanyathelo okuqala apho ubutyebi belizwe bungajoliswa khona, ukulandelela inkqubela kunye nokungenelela apho kuyimfuneko.
Ukufumana, ukulawula kunye nokusasaza ulwazi ngezemidlalo kunye nolonwabo ukwakha uvimba wolwazi.
Ukuphuhlisa intsebenziswano ukukhuthaza ubukho bobutyebi bezimali kunye nenkxaso ngabaxhasi, uRhulumente kunye nenkonzo yongcakazo kazwelonke.
Ukunikezela inkxaso yezimali ngenkqubo yokuxhasa abadlali.
Ukuphuhliswa komgaqo-nkqubo kunye nokumiliselwa kwawo
Ukucebisa uMphathiswa ngokuphathelelene nemigaqo-nkqubo efunekayo yezemidlalo kunye nolonwabo.
Ukuphuhlisa kunye nokumilisela imigaqo-nkqubo ngokuxhaswa ngemali kwezemidlalo, uguquko lwezemidlalo, ulawulo lwezemidlalo ngokunxulumene nobulungu be-SASC, kunye nemibala yelizwe.
Ukuphuhlisa lo migaqo-nkqubo njengoko kungayimfuneko ukukhuthaza, ukuphuhlisa kunye nokulungelelanisa imidlalo kunye nolonwabo.
a Ukumiliselwa komgaqo-nkqubo wemidlalo kunye nolonwabo kaRhulumente kwinqanaba likazwelonke.
b Umongo womsebenzi we-NOCSA ngokwe-Tshatha ye-Olimpiki, kukuqinisekisa intatho-nxaxheba yabadlali boMzantsi Afrika kwimidlalo ye-Olimpiki, kunye nokuphumeza uxanduva lwayo lokugqwesa. Oku kuquka ukukhuliswa kwezinga lokwalathwa kwezakhono Ukugqwesa kokwenza umsebenzi, ukukhawuleziswa kokunikezelwa kunye nosebenza njengesandla esikhokhelayo se-Akhademi kaZwelonke, kwakunye nokuphosa iliso kwiZiko loQeqesho le-Olimpiki.
c Ukuqunisekisa kobukho bendlela yokusombulula imbambano phakathi kwamaqela e-Olimpiki azimanye nayo.
d Ukusoloko igcine unxibelelwano kunye neMibutho ye-Olimpiki yase-Afrika ngokunxulumene nendima yayo, ngokwendlela yokusebenzisana kunye nemisebenzi eyenziwe kunye ngokoxanduva lwayo.
a Ukumiliselwa komgaqo-nkqubo wemidlalo kunye nolonwabo kaRhulumente kwinqanaba likazwelonke.
a Ukumiliselwa komgaqo-nkqubo wemidlalo kunye nolonwabo kaRhulumente kumanqanaba kazwelonke, amaphondo kunye nakwiindawo zasekuhlaleni.
b Umongo womsebenzi wentlanganisela zemibutho zikazwelonke kukuba zizandla zokunikezela kwiingqokelela zemidlalo engqalene nazo. Oku kuphunyezwa ngokuqinisekiswa kokufikelela ngokulinganayo kwimidlalo yayo, inkqubo zokwalathwa kwezakhono, ukusekwa kwamaqela abo baqhutywa ziintliziyo kunye nokukhuliswa kwentatho-nxaxheba.
c Ukwenza iziphakamiso egameni lemidlalo yalo kwimibuthwana kunye nobuPhathiswa/SRSA/SASC.
d Ukuphuhlisa indlela zokusombulula imbambano kumacandelo emidlalo ayo kunye nokukhweba ukulamla kombutho ongasentla xa kuyimfuneko.
e Ukuqalisa izenzo zokukhuthaza imidlalo yayo ukuze kuqinisekise intatho-nxaxheba ephezulu, intatho-nxaxheba enokumelwa.
f Ukumela imidlalo kumanqanaba angentla, uRhulumente, kwizwekazi, kunye nentlangano zamazwe ngamazwe.
g Ukuqinisekisa ukuba amaqela amaphondo azimanye nawo anamathela kwimida ngokomgaqo-nkqubo kazwelonke.
Iintlanganisela zemibutho zamaPhondo zinoxanduva olufanayo nentlanganisela zemibutho zikazwelonke, umahluko obalulekileyo ikukuba zinendawo zolawulo ezizezazo.
IMIDLALO YEZIKOLO/UDIDI OLUSEZANTSI/ULUTSHA
Ukuba uyazi, fundisa; Ukuba awukwazi funda"
Umbutho ovunyiweyo wokulungelelanisa nokuququzelela imidlalo esikolweni yi-USSASA (Umbutho ohlangeneyo weMidlalo kwiziKolo eMzantsi Afrika). Imisebenzi ye-USSASA iquka le ilandelayo:
a Ukumiliselwa komgaqo-nkqubo kaRhulumente ngemidlalo nolonwabo ezikolweni.
Ukwalathwa kwezakhono
Ukulungelelanisa ukhuphiswano ezikolweni naphakathi kwezikolo
Ukumilisela ukuqhelisa kunye nenkqubo zokuphuhlisa zabafundisi-ntsapho
Ukunika igalelo kuqulunqo lwezifundo zemithambo c Ukwenza iziphakamiso kwimibutho engasentla kunye namasebe kaRhulumente ngokunxulumene nemidlalo yezikolo.
d Ukwenza unxibelelwano neetlanganisela zemibutho kazwelonke kunye neyamaphondo ngokunxulumene ngokukodwa nemidlalo yodidi olusezantsi kunye nolutsha.
f Ukuthatha inxaxheba kwamaqela eZikolo ezingabameli boMzantsi Afrika.
IMIDLALO KWIZIKOLO ZEMFUNDO EPHEZULU
Umbutho ovunyiweyo wolungelelaniso nokuququzelela imidlalo kwinqanaba lemfundo ephezulu yi-SASSU (Umanyano lweMidlalo yabaFundi eMzantsi Afrika).
a Ukumiliselwa komgaqo-nkqubo kaRhulumente ngemidlalo nolonwabo kwizikolo zemfundo ephakamileyo.
b Umongo womsebenzi we-SASSU uquka ukwahlulelana ngobutyebi obukhethekileyo kokubini abantu kunye namaziko kunye neendawo zasekuhlaleni, ukunyusa inqanaba lentatho-nxaxheba, kunye nokulungelelanisa ukhuphiswano ngaphakathi naphakathi kweziziseko.
c Ukwenza iziphakamiso kwimibutho engasentla kunye namasebe kaRhulumente ngokunxulumene nemidlalo yezikolo zemfundo ephakamileyo.
d Ukwenza unxibelelwano netlanganisela zemibutho kazwelonke kunye neyamaphondo.
f Ukukhuthaza intatho-inxaxheba yoMzantsi Afrika kwiziganeko zemidlalo yezikolo zemfundo ephakamileyo zamazwe ngamazwe.
AMAQELA
Iqela sisiseko esisezantsi sokunikezela imidlalo kunye nolonwabo. Imisebenzi yeqela iquka le ilandelayo:
a Ukumilisela umgaqo-nkqubo kwezemidlalo kunye nolonwabo kwinqanaba leqela/isiqu.
b Umongo womsebenzi kukunyusa inqanaba lentatho-nxaxheba ngokuqala amanyathelo okufumana amalungu amatsha.
c Ukuzimanya namalinge okuphuculwa kwezakhono.
d Ukwenza iziphakamiso kwiintlanganisela zemibutho zamaphondo kunye nabalawuli beendawo zasemakhaya ukufumana ubutyebi bokusebenza.
e Yiyona nqwelo iphambili yokwalathwa, ukuphuhliswa kunye nokukhuliswa kwezakhono.
f Ukunikezela isiseko senkxaso yoluntu eyodwa.
ICANDELO LEZAMASHISHINI
Akukwazeki ukuba uRhulumente kuphela ahlangabezane nazo zonke iimfuno zemidlalo nolonwabo. Kungesi sizathu, intsebenziswano phakathi kukaRhulumente, iziseko ze-NGO zemidlalo kunye nolonwabo, kunye namashishini ibalulekile ukuvulela ubutyebi bokuphuhlisa esi siseko. UbuPhathiswa, i-SRSA kunye ne-SASC ziyayiqonda imiphumela yemidlalo kwezoqoqosho kunye nokukhawuleza kokwenziwa urhwebo ngayo. Imidlalo ngokuyinyaniso sele libe licandelo elikhulayo lezoshishino, kwaye senza igalelo elikhulu kwi-GDP. Lo mqalisi-ntsingiselo uqhubelekile ukuya kweli khulu leminyaka litsha, amaxesha okusebenza amafutshane anikezela ixesha elininzi lolonwabo, oku kuhambisana nokukhula kwecandelo lenkonzo kunye nelokonwaba kuqoqosho lwehlabathi. I-SRSA/SASC ziqhubeleka zikhangela iindlela ezingenza ngayo umtsalane wabaxhasi abatsha bezamashishini kumacandelo ezemidlalo angafumani mali ngokoneleyo. Umzobo olandelayo ubonisa uthelekelelo lwenkcitho kaRhulumente kunye necandelo labucala kwezemidlalo nolonwabo ngonyaka ka-1999.
INYATHELO ELIPHAMBILI LESIBINI
Ukunikezela izimali ukuze kusekwe okanye kuphuculwe iziseko ezinjongo zininzi zemidlalo kwindawo ezasoloko zihlelelekile.
Umceli mngeni wokunikezelwa kwamaziko eMzantsi Afrika asikuko ngokulula ukunqaba kwamaziko, koko yindawo abekwe kuyo la maziko - akabekwanga kwindawo apho kukho isininzi sabantu. Ngaphaya koko kululuvo olondeleyo lobuPhathiswa/SRSA/SASC kunye nezandla zabo ukuba inkqubo engqalene nesekelwe kukuhlala kwabantu iya kwenza ukuba abahlali bathatha ubunini bala maziko bancedise ekugcineni nasekulawuleni. I-SRSA kunye nezandla zayo ziya kuzama ukusebenzisa ubutyebi basekuhlaleni ukwakha/ukuphucula amaziko - oku kwakuba negalelo kulwakhiwo lwamathuba emisebenzi. Zonke iziseko kufanele ukuba zivumele ukufikeleleka ngokulula kubasebenzisi abanobulima. Olu ludwe/mzobo ulandelayo ubonakalisa indima yalo ngalinye inqanaba likaRhulumente ekuziseni iziseko:
Injongo
Ukwakha
Iziseko ezinjongo zininzi ngaphakathi/ngaphandle ezisekelwe kukuhlala kwabantu
Uxanduva
Urhulumente wasekhaya
Okujoliswe kuko: Izikolo, amaqela, imibutho yolonwabo
Imisebenzi:
ukucalulwa kwemfuno ngokusebenzisa intlangano yothethwathethwano isigqibo ngendawo yokusekwa
Ukufumana inkxaso-mali
Ukwakhiwa nokulawulwa
Ukugcinwa
Ukuphuhliswa
Iziseko zeziganeko zephondo kunye nozwelonke
Amasebe ephondo anoxanduva lweMidlalo kunye noLonwabo
Ekujoliswe kuko: iintlanganisela zemibutho yemidlalo zamaphondo, imibutho yoLonwabo, kunye nemibutho engasentla
Imisebenzi:
Ukucalulwa kwemfuno
Ukuyila
Inkxaso-mali
Ukuphuhliswa nokulawulwa
Ukugcinwa
Ukulandelelwa kunye nokphathwa kwazo zonke iziseko
Ukuphuhliswa
Iziseko zeziganeko zikazwelonke kunye namazwe ngamazwe
Ekujoliswe kuko: iintlanganisela zemibutho yemidlalo kazwelonke
Imisebenzi:
Uphando nophicotho-ncwadi
Ukunikezela umzekelo woyilo lwesiseko esisisiseko
Ukufumana inkxaso-mali
Ukukhuthaza amanyathelo okuqala
Ukulungelelanisa unikezelo lweziseko, ngokunxibelelana namanye amasebe kaRhulumente
Uqulunqo lweziseko zikazwelonke
INYATHELO ELIPHAMBILI LESITHATHU
Ukuphuhlisa izakhono zoluntu ezifunekayo ukulawula ngokukuko imidlalo nolonwabo eMzantsi Afrika.
Ukuqhubeleka kokuphuhliswa kweMidlalo
Indawo yokungenelela kokuqhubeka kwigosa, umlawuli, umqeqeshi, umlawuli wesiseko omtsha linqanaba "lokuqala". Ngokokufumana izakhono la malungu matsha aya kuthwasa ebheka phezulu kumanqanaba de afikelele kwindawo yokugqwesa.
Urhulumente ongaphambili akazange abe nazo iinkqubo zokuphuhlisa izakhono zabantu kwezemidlalo kunye nolonwabo. Iziqalo-ntsingiselo zamazwe ngamazwe zikwabonakalisa "ingxubakaxaka yokuqhutywa yintliziyo" kumazwe asakhasayo.
Ukufumana abaqhutywa ziintliziyo
Ukuqeqeshwa kunye nokwamkelwa kwabo baqhutywa ziintliziyo (abatsha nabakhoyo)
Ukuqhubeleka kokuphuhliswa kwemidlalo kunika isikhokhelo sokunikezelwa kobutyebi oboneleyo ukusuka kwinqanaba lenkokheli yasekuhlaleni, ukudlula kumlawuli wephondo, kazwelonke kunye neentlanganisela zemibutho zamazwe ngamazwe.
a Icebo
I-SASC, kunye nezandla zayo iza kuphuhlisa inkqubo kazwelonke eza kuquka ukuphicothwa kobutyebi obukhoyo, kusetyenziswa iindlela zobuninzi kunye nokulunga ezinalamalungu alandelayo:
ukumiswa kweemfuno zoqeqesho ukuphuhliswa kweenkqubo zoqeqesho uqulunqo lweenkqubo zokumilisela b Ukugaywa kwamalungu
Indawo ekufumaneka kuyo amalungu azithandela ngokwawo ukugaywa zilungiselelwa ngezi ndidi zilandelayo:
Iindawo zezemidlalo ezingqalene noko okanye iindawo ezininzi zezemidlalo
Ubuchule, umzekelo unyango.
Iinkonzo zohlobo oluthile, umzekelo abaqhubi, abaphathi mikhosi abakhulu
Amaphulo athile ayenziwa ukugaya amalungu azithandela ngokwawo ukugaywa kwizahluko ekujoliswe kuzo ezahlukahlukenyeyo. Indawo ekugcinwa kuyo abo bazithandela ukugaywa iya kumiselwa.
c Ukuqinisekisa
d Ukuvunywa kwabo bazinikelayo ngokuqhutywa zintliziyo
Inkqubo yenkuthazo iya kusekwa, apho abo bazithandeleyo ngokuqhutywa ziintliziyo banikwa amawonga athile akhethekileyo enkonzo kwezemidlalo kunye nolonwabo.
INYATHELO ELIPHAMBILI LESINE
Ukukhuthaza uluntu kwiindawo zasekuhlaleni ukuba bakhuthale kwaye baphile impilo esemgangathweni kunye nokuba badlulisele abo banezakhono kwiindawo zemidlalo yokhuphiswano.
Gaya kunye nokukhuthaza ulutsha kunye nabadala ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi yomzimba.
Ukukhuthaza uluntu ukuba luphuhlise indlela zokuphila ezinenkuthalo.
Ukuququzelela abo bangathathi-1. nxaxheba ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi yokuthamba yomzimba
Zimbini iindawo ekugqaliswe kuzo kweli nyathelo liphambili, oko kukuthi ulonwabo kunye nemidlalo yophuhliso.
Ukuzonwabisa
Umsebenzi wolonwabo ukwimincili evela kulo msebenzi ngaphezulu kwalo msebenzi ngokunokwawo. I-SRSA kunye neSASC zizinikezele kakhulu kumthetho-siseko "wokunikezela amathuba olonwabo olwakhayo kubo b2. onke abantu". Ukuzonwabisa kungahlumisa ukukhula kokwakha kokungaboni abantu ngokobuhlanga, amathuba obunkokheli kunye nokuphuhliswa koluntu olunempilo.
Ezemidlalo kunye nolonwabo zinxibelelana ngendlela enobudlelwane. I-SRSA/SASC ivuma ukuba ukuzonwabisa kungaphezulu kokuthatha inxaxheba kwimithambo kunye nemisebenzi yokuzomeleza jikelele. Iligalelo elibalulekileyo kwintatho-nxaxheba kwezemidlalo. Oku kucaciswa kakhulu kwinkqubo eqhubelekayo ebumbeneyo nelicebo yezemidlalo. Ukunikwa amathuba olonwabo kusisiqalo esibalulekileyo senkqubo zemidlalo kunye nolonwabo.
Umgaqo-nkqubo wezolonwabo usekelezelwe kwimithetho-siseko emine:
Uphuhliso lolonwabo kufuneka luqhutywe ziimfuno kwaye lusekelwe kuluntu
Uluntu kufuneka lunikwe amandla okuthatha inxaxheba kuqulunqo, ukumiliselwa, kunye nokuvavanywa kweenkqubo zolonwabo, ukuze imigaqo-nkqubo iphuhliswe ngokwendlela uluntu olubona ngayo. Ngokungaphaya, uluntu kufuneka luthathe uxanduva kwaye lube nokuphendula ngokuphuhliswa kwalo.
Ukufikeleleka ngokwezimali kunye nokufikeleleka jikelele kwenkqubo zolonwabo kunye nawo onke amaziko kubo bonke abantu boMzantsi Afrika ngaphandle kokukhangela isini, iminyaka, ibala, ulwimi, inkcubeko, izimvo umntu anazo ngokwezombuso, ukuzimanya, ukulimala okanye iwonga lomntu
Ukwabiwa kobutyebi ngendlela elinganayo.
Inyathelo eliphambili lakunikwa kwiindawo ezihlelelekileyo xa kunikezelwa iinkqubo ezintsha.
Amalinge alungelelanisiweyo kunye nophuhliso oluhlangeneyo.
Kubaluleke kakhulu ukwakhiwa kwentsebenziswano kunye nobukhulu bokuqoqosha ngendlela yothungelwano ngawo onke amacandelo emibutho kaRhulumente kwanalawo abucala, ukuqinisekisa ukunikezelwa kweenkqubo ngendlela esebenza kakuhle kunye nenobuchule.
Imidlalo yophuhliso
Kuthelekelelwa ukuba kuphela ngama-10% abemi beli lizwe abathabatha inxaxheba kwimidlalo esesisekweni kwaye eququzelelwe ukhuphiswano. Oku kuthelekiseka ngendlela engancumisiyo kunye namanye amazwe, ngakumbi lawo sele ephuhlile apho uthelekiso olungaphezulu kwama-50% lusisiqhelo.
Ukufunyanwa kwezakhono.
Ukwakhiwa kwamafuku emidlalo yokugqwesa.
Uqulunqo lokuphuhliswa kwemidlalo luzunguleza indawo ezine ezibalulekileyo: Izifundo zemithambo yomzimba. Ulutsha kunye nenqanaba elisezantsi lemidlalo, imidlalo yezikolo zemfundo ephezulu kunye neentlanganisela zemibutho zikazwelonke.
Ukuphuhlisa kwakunyuswa kukufezwa kwezi ziphumo zilandelayo:
Ukulandela ikhondo lokuphuhliswa kwezemidlalo, I-SASC inikwe olu xanduva lulandelayo:
a Ukulungelelanisa ukuphuhliswa kunye nokunikezela imisebenzi yolonwabo equka phakathi kwezinye izinto, ukudlala okukhutheleyo, imisebenzi yemithambo yomzimba eyenziwa rhoqo kunye noludwe olupheleleyo lwezinto ezakhayo ezingenziwa ngexesha lokuphumla, ukwalatha ukuze yenze iinkqubo zophando, yalathe ukuze inike iziqinisekiso kwinkqubo zokuqeqesha kunye nokuba isingathe/ ithathe inxaxheba kwiinkomfa kunye neetlanganiso zokufundisana kwezolonwabo.
c Icebise uMphathiswa kwimiba yomgaqo-nkqubo ngezolonwabo.
INDAWO EBALULEKILEYO
AMANYATHELO
Imfundo ngemithambo
Imithambo ayivunywa ngendlela eyiyo kuluhlu lwezifundo esikolweni
Iyure zemidlalo ngeveki
Akukho mgaqo-nkqubo ngobuncinci beYure eza kuchithwa kwezemidlalo okanye ulonwabo ngexesha lesikolo
Ukusekwa komgangatho owamkelekileyo kunye neSebe leMfundo
Imidlalo yoLutsha kunye namanqanaba asezantsi
Akukho kubonelelwa kubantwana abakwiminyaka yokuhamba isikolo, abangahambi sikolo.
Akukho maziko emidlalo abo bakumanqanaba asezantsi.
Kuphuhliswe iindlela ezijolisiweyo kweli qela.
Kuphuhliswe imidlalo yabakumanqanaba asezantsi ndaweninye nemidlalo yesikolo.
Imidlalo yezikolo zemfundo ephakamileyo
Akukho maziko ahlangeneyo ezemidlalo
Iqhutywa kuphela lukhuphiswano
Kuphuhliswe indawo zokukhula ezintsha
Intlanganisela zeMibutho zikaZwelonke
Zikhangele kwiingcungcu. Ubutyebi obujoliswe kwinkqubo zophuhliso buncinci kakhulu
Ukubonelela ngokhuphiswano kuwo onke amaqela.
I-Akhademi zamaPhondo
Zisilela ekujoliseni kukwalathwa kwetalente - ukuququzelela intatho-nxaxheba kwi "imidlalo yabo bonke" ukuya kwimidlalo yokhuphiswano
Ukuseka I-Akhademi kwiPhondo ngalinye kunye namasebe engingqi.
Ugxininiso kufuneka lunikezelwa kulamaqela alandelayo anemidla:
A. Oomama kunye namantombazana
I-SRSA/ SASC iya kuvuma ukubaluleka kwendima ethi idlalwe ngoomama namantombazana ekwenzeni isizwe ukuba sidlale ukuze kwakhiwe lula iimeko zobomi. Ukulingana ngokwesini kwakunye nelungelo loomama ekuthatheni inxaxheba kukhulu. Umanyano lukazwelonke luya kukhuthazwa ukuyila umgaqo nkqubo woqeqesho kunye nolwakhiwo ukuze kwenziwe lula ukuthathwa kwenxaxheba ngoomama, kunye nokuba kususwe imiqobo enokuthi ithintele oomama ekuqhubeni umsebenzi wokuqeqesha, ulawulo, ulungiselelo, kunye nokulawulwa kwezemidlalo kunye nolonwabo.
Ubutyebi obuthile buya kwabelwa ukuvelisa ubuchule noncedo lwezemidlalo koomama kunye namantombazana. Abaviwa abalungele oko baya kuchongwa kwaye baziswe kulawulo loqeqesho kunye nolungiselelo kwezemidlalo kunye nolonwabo. Abo bayimizekelo nekujonwa kubo kwezemidlalo kunye nolonwabo baya kukhuthaza ukuthatyathwa kwenxaxheba ngoomama kunye namantombazana kwezemidlalo kunye nolonwabo.
B. Abemi abadala
Umanyano lukaZwelonke luya kukhuthazwa yi-SRSA/SASC ukuba lumisele iinkqubo zabemi abadala. Ngaphezu koko abadala baya kuba bubutyebi obubalulekileyo ukwenza iinkqubo zokuqhutywa yintliziyo.
C. Abantu abanobulima
I-SRSA/ SACS iya kuvuma ukubaluleka kwezemidlalo kunye nolonwabo ekuphileni kwabantu abayimilwelwe kwaye iya kukhuthaza ukulungiselela kunye nokunikezwa kwemisebenzi yezemidlalo kunye nolonwabo kweli ziko lolawulo - kwizinga lebandla ngempumelelo. Ngoku imithetho nemimiselo yezemidlalo ilungiselela iimfuno ezithile zabantu abanobulima , kwiqela leminyaka elithile. Ubutyebi obongezelelweyo bungasetyenziswa kwinkqubo ezilungeleleneyo kuquka amanye amasebe karhulumente angqamene noko, umzekelo ezeNtlalontle, ezeMpilo, ezeMfundo, njl.
Umdlalo womsebenzi
Umdlalo kufuneka usetyenziselwe ukongeza ixabiso kwindawo yokuphangela, njengoko ixesha elininzi lichithwa emsebenzini. Ezemidlalo zinokuncedisa ekuthobeni inxalabo yokuthamba kunye noloyiko nje kwiindawo zempangelo kwaye zingandisa ukuchuma. Kuya cetyiswa okokuba imibutho yabasebenzi iqaliswe ukwenza lula ukuthathwa kwenxaxheba. Iinkqubo zezemidlalo yabasebenzi zinokunceda njengendawo yokubona iitalente, kunye nesakhiwo esingaphaya kwimidlalo yokhuphiswano. Oku kuya kufuna intsebenziswano esondelelene neentshukumo zabasebenzi.
INYATHELO ELIPHAMBILI LESIHLANU
Ukwakha inkqubo enentsebenziswano enkulu elungelelaniswe kulungiselelo lwabadlali abakhethiweyo bekhethelwa ukhuphiswano olukhulu. Impumelelo yoMzantsi Afrika kukhuphiswano lwamazwe ngamazwe okokoko yayekwa ukubekwa yodwa kubhalwe kumaxwebhu. Umngeni we-SRSA/SACS kunye negosa elikhokeleyo I-NOCSA kukugcina kunye nokuphucula ezi ziphumezo ngendlela eyoyisayo kunye nelungelelanisiweyo. Ezi meko ziphambili zilandelayo ziye zachongwa ukuphuneza ezi njongo:
Imeko eziphambili
Isikolo semfundo ephakamileyo ethile sikazwelonke
Imeko esetyenziswayo
Ukulambatha kwendlela yokulungiselela abadlali abakhethiweyo.
Isenzo
Ukumiselwa 'kwesikolo sokugqwesa' apho ukuzibonakalisa kwakho kuguqulelwa kwitalente ephunyeziweyo.
i-SISA
Amaziko akhoyo alungileyo kwiindlela zobunzululwazi kunye nolwazi abonwa njengomnikeli ophambili kumsebenzi ogqibeleleyo.
Umsebenzi oqhubelekayo nokhuliswayo
Inkuthazo yabadlali
Akukho nto yenza inkuthazo ukuvuselela ukusebenza kangangoko.
Ukuvelisa iinkqubo zenkuthazo ezisesikweni.
Ukhuphiswano
Bavelise abadlali kukhuphiswano oluphezulu ngendlela yogqatso oluphambili olulungelelanisiweyo .
INYATHELO ELIPHAMBILI LESITHANDATHU
Ukuqinisekisa okokuba onke amaqela wezemidlalo kunye nolonwabo ayahlangabezana neenjongo zesenzo esivunyiweyo.
Ngoku umbutho, amaqela amaphondo kunye nakazwelonke akabonisi ubuhlanga kwaye nalapho kufuneka khona, ukufundwa nokubhalwa kwesini soMzantsi Afrika.
Ngokucacileyo intetho yokuba 'umdlalo kawonkewonke' isekwe kwixabiso lobulungisa kunye nokufikeleleka zona eziya kuqondwa njengeenzame ezingamxhelo mnye zenkqubo ezidibeneyo eziya kuquka abantu abakwimimandla engafumani uncedo.
Imeko eziphambili
Ubulungisa kunye nokufikeleleka
Imeko esetyenziswayo
Ingcinga yokuba imidlalo ethile ziyinto ekhuselayo kumaqela athile eentlanga.
Isenzo
Inkqubo zophuhliso zabadlali kunye namagosa
Iinkqubo zophuhliso ezibonakala njengezilufakelelo hayi inxalenye yeyona nkqubo iphambili zemidlalo.
Qinisekisa uphuhliso lwezemidlalo olugcinakeleyo kunye nolwexesha elide, ngeenkqubo ezidibeneyo zabadlali abakwindawo ezingafumani luncedo.
Ukhuphiswano
Ukungabikho kwamathuba okhuphiswano afanelekileyo
Phakamisa ukhuphiswano olungokufaneleyo kubadlali abasavelayo.
Ukuphicothwa kobumbano
Nangona kubunjwene kwezemidlalo,imeko yelo xesha ihlala ikho ngokokudlala.
Yenza ukusebenza (ukufunyanwa kwenjongo) inqobo elungileyo yobutyebi obunjengokufaka imali kwingxowa karhulumente.
INYATHELO ELIPHAMBILI LESIXHENXE
Ukuvelisa imithetho nemimiselo yemikhwa esesikweni yezemidlalo kunye nolonwabo eMzantsi Afrika.
Kukho umkhwa wokwenza umdlalo ube ngowokuvusa umxhelo. I-SRSA inolwazi ngokwenziwa kwemikhwa egxekekayo kwezemidlalo umzekelo ukusetyenziswa kakubi kwezinto, ukuxhatshazwa, imikhwa engcolileyo,ubugebenga, njl. I-SRSA/SASC iya kunikela ngobume bemikhwa esesikweni obuquka ukudlala obunobulungisa, umthetho ongahambelaniyo neziyobisi, imithetho nemimiselo yokuziphatha kunye nokuxhaswa ngeziyobisi, imeko bume kunye namalungelo omdlali.
Ingcamango ezisesikweni ekudlaleni ziyinto efunekayo kuwo onke amaqela ezemidlalo ingakumbi kwiziyobisi kunye nengqeqesho. EzeMidlalo kunye noLonwabo zaseMzantsi Afrika zenza iZiko lokuKhululeka kwiZiyobisi likazwelonke, ngenjongo zokunciphisa ukuyotywa kwezemidlalo. Ukuthintelwa kobugebenga kwezemidlalo yinto efunwa yi-SRSA/SASC. I-SRSA/SACS iya kuqinisekisa ukuba bonke abadlali ekujongwe kubo bay khuthazwa ukuba balawule ubugebenga okanye ukungaziphathi kakuhle kwabadlali kunye nababukeli. Ukongeza, ukumiselwa kwendawo yeembutho zamaqela anomdla njengombutho wabadlali kunye nemibutho yabaqhelisi iya kukhawuleziswa.
Imithetho nemimiselo yokuziphatha kwamagosa ezemidlalo, abathengisi, abadlali kunye nabanye baya kuba lilitye elimiswe ecaleni kwendlela lobomi. Kucacile okokuba naxa uxanduva lwemithetho nemimiselo yokuziphatha emntwini lingummi, ekugqibeleni I-SRSA/SASC iya kunikela ngobume bemithetho kunye nemimiselo yezemidlalo.
Ukufaka igalelo ekwakheni ilizwe elinoxolo ngokwenza ezemidlalo ezingenalo ucalulo, oko kufuna ukuqondana okufanayo nomoya wobuhlobo, imbumba yamanyama kunye nokudlala ngobulungisa'.
INYATHELO ELIPHAMBILI LESIBHOZO
Ukwakha umgaqo nkqubo wonxulumano wamazwe ngamazwe ngamxhelo mnye nomgaqo nkqubo karhulumente kazwelonke.
Ngaphezu koko i-SASC iya kuba luphawu kwizivumelwano ezilungele ezemidlalo kunye nolonwabo ngaphandle kokujongela phantsi ukuzimela koMzantsi Afrika. Kunyanzelekile ukuba zonke iintlanganisela zemibutho zikazwelonke, ezamaphondo kunye nezorhulumente basekuhlaleni zihambiselane nomgaqo-nkqubo njengoko usekiwe yi-SRSA/SASC.
akukho mntu ulilolo"
ISIPHELO
a Ukuphucula imigangatho yokuthatha inxaxheba kwimisebenzi yemithambo b Ukubonelela ngenkqubo yokuthwesa kwintatho-nxaxheba nje ukuya kwimidlalo yeengcungcu kwabo banayo italente.
c Ukuphucula intatho-nxaxheba kwimidlalo ephambili yamazwe ngamazwe.
d Ukunika igalelo kuluntu olwakhekileyo jikelele, olunoxanduva kwintlalo kunye nabemi abanempilo eyiyo.
Lo mqulu ngethemba uyakukhuthaza ukuthatha amanyathelo anesiphiwo sokuyila kumfundi ukuba ayile inkqubo ezizodwa ezikunika ingqalelo kwintlaba-mkhosi ethi "yenza isizwe sidlale" kwaye "ubomi obungcono kubo bonke aboMzantsi Afrika"
Ukongeza, olu xwebhu lujoliswe ekunikeni isikhokhelo kumthetho onokwenza oku kwenzeke oyakuqinisekisa ukuba iinzuzo esele zenzekile aziyikuhlanganiswa kuphela kwaye ziphuhliswe, kodwa zenze ukuba inkqubela esele ifumanekile ingabi nokuba sajikeka.
Uvavanyo olulolona olwenziweyo lwalo mqulu lukwabonakalisa ukuba ezi ziphakamiso zinganako ukufikeleleka xa kuthiwe amathuba entsebenziswano aphononongwa.
Kwinyathelo eliphambili sithemba ukuxuba imiphumela yokungaphenduli ndawo. Kuza kuba nendima ezicacisiweyo ukunqumleza yonke imidlalo.
Sikwakholelwa ukuba ngenyathelo eliphambili lesiBini kunye nelesiThathu iimfuno, amaziko kunye nobutyebi babantu abasebenzayo azizukushiywa kwingcingane ezintle zeentlanganisela zemibutho zikazwelonke ngakumbi xa ucinga ngokunqaba kwenkxaso-mali ezikulawulo lwazo. Kwinyathelo eliphambili lesiNe sikhuthaza ulutsha ukuba ludlale kwaye luzonwabise kuludwe oluxananazileyo lwemisebenzi ehlaziyiweyo; ukwalatha iziqu zabantu abanetalente kweli qela, ukuze sibancede babe nako ukuqhubela phambili kumakhondo abo ezemidlalo. Ngaxalinye, sinqwenela ukukhuthaza abo bafikelele eziphelweni zamakhondo abo ukuba bahlulelane ngobuchwepheshe kunye nabo abafuna ukucetyiswa kwindawo zokuqeqesha, ubunompempe kunye nokulawula.
Ukuvunywa kuya nikwa kwinyathelo eliphambili lesiHlanu kwinyaniso yokuba nangona amabali empumelelo ngaxesha athile esenzeka nakubeni kukho ukuqhwalela kuqulunqo, iimbasa azizi ngengozi jikelele. Ukuzilungiselela kubalulekile.
Inyathelo lesiThandathu nangona lingayaleli, lenyusa inqanaba lokuqonda kwimfuneko yemidlalo ukuba lingayekeli ukumelwa kwiwonga lokuba "kumnandi ukuba nako" kodwa ukubona "ukwenza ubu-Afrika" njengesixhobo esiyakukhokhelela kukugcineka ngendlela enekamva lomdlalo.
Ukubona imidlalo njengomsebenzi wamazwe ngamazwe, inyathelo eliphambili. IsiBhozo sinabisa ukuba imfuneko yokuba nomgaqo-nkqubo wokunxibelelana namazwe ngamazwe, kwimo yezemidlalo kungafumana ubukhulu bezoqoqosho.
Ekuqgibeleni, ngokukude nokubona lo mgaqo-nkqubo njengesiphumo, koko njengesisiqalo sendlela. Indlela apho abantu bethu bebonke bangafumana ukufikelela kwezemidlalo kunye nolonwabo, kunye namathuba amaninzi okuzalisekisa italente zabo.
ULUHLU LWENKCAZELO
